
100 BONA XHOSA - Septemba

UKUBA UHLALA KUFUTSHANE
NASEMBABANE, eSwazini...
Nali ithuba LAKHO lokuza kwiRAMA/BONA WOMENS
CLUB!


UMHLA: ngomGqibelo, 13 September, 1997
INDAWO: Simpa Mbabane HaII
IXESHA: Ngeye-1:30 emva kwemini
ISITHETHI SEMBEKO: Nkszn Moroesi N. Khoza
UMXHOLO: Igunya Labasetyhini


Manenekazi ahlala kufutshane naseMbabane, eSwazini nali ithuba lenu lokudibana nothile oziqonda kakuhle ingxaki abajamelana nazo abasetyhini ukuze bazixhase bona ngokwabo kwezoqoqosho. Le ndibano yeRAMA/BONA ithembisa ngokunik umdla nokufundisayo. isithethi sembeko uMoroesi Khoza ukufanelekele ukuthetha ngomxholo wegunya labasetyhini. Fudula engumLungelelanisi weSizwe kwiUnited Nations lnternational Trade Centre Project on Export Market and Product
Development for Women Entrepreneurs and  Operatives. Yena buqu linenekazi elinegunya elingenakugungqiswa-mntu, ukhe wayipublisher kwanomhleli weemagazini ezimbini, usebenze kanobom njengetitshala esekondari nakwiitheknikon, sithetha nje uyiNqununu yeSwaziland lnstitute of Management and Public Administration (SIMPA). Oyingcali kwezoqoqosho ekhaya uVeronica Mkafi wakwaRAMA uza kube ekho ebonisa ngokupheka kwakhe okuluncuthu. Manenekazi ninokulindela ukutsalwa kwamatikiti awelwa ngumq esandleni kwanamabhaso eemveliso zakwaRAMA. Kuza kube kuphungwa neti.
Ningaphoswa yile ndibano enik umdla, ukuze nifumane indawo yokuhlala ncedani nifike kwangethuba, manenekazi.






IVegetable Fritters
Yanela abasi-8
3 iibaby marrows ezinkulu, zigreyithwe                  Indlela yokwenza
	                                                                     Xuba zonke izithako esityeni.                                   2 iitapile ezinkulu, zigreyithwe,                           Fudumeza
zicinezelwe                                               iRama epanini lokuqhotsa, umxube
2 iminqathe emikhulu, igreyithwe	        wugalele ngecephe epanini. Wenze
25m1 yeparsley enqunqisiweyo	                  mcaba umxube, pheka imizuzu emi-4
2 amaqanda amakhulu, aqhuqhwe	        ukuya kwemi-5 icala ngalinye de kube
50m1 yeself-raising flour	                               nombala ogolide.
1 ml yenutmeg, igreyithwe	                            Kubeke kwiphepha elifunxayo ukuze
ityuwa nepepile ukuze kuvakale	                           kufunxeke okumanzi.
5Oml yeRama 

UNkszn Dorothy Mkutoane, ongumququzeleli wendibano yeRAMA/BONA eReitz ubonwa apha noNksk M N Mochekela.

Mvanje eReitz eFreyistata amakhulu-khulu amanenekazi abe nemvakwemini angasayi kuyilibala ebomini bawo xa ebeze kwiNdibano yeRama

Abasetyhini Banendima Kuqoqosho Lwelizwe utsho

UPhomolo Modise 

BEKONWATYIWE kufundwa. Omele iRama uVeronica Mkari ubabonise iiresipi ezimnandi ezinokuphekwa ekhaya ukanti isithethi sembeko uPhomolo Modise ubachazele ngenkcazelo yoqoqosho lwasekhaya nendima abanokuyidlala oomama emizini yabo.
Amanenekazi afunde lukhulu. Uphomolo Modise ucacise ukuba umama ungumntu
obalulekileyo ekhaya nentsika yosapho.
Kuqala kufuneka uzazi. Qonda ibhinqa. Liyinkosikazi, umama, umsakwabo, umhlobo notitshala. Lingoyena mntu ubalulekileyo okufutshane nawe.
Abasetyhini badlala indima ebalulekileyo elusatsheni nakuluntu, kufuneka bazi yonke into malunga noqoqosho lwasekhaya noqoqosho ngokubanzi.
Kufuneka bazi ngeemfuno neendlela zokuxhasa, amaxabiso nokwenza ukhetho
abangenakuzisola ngalo



INGUQU EBOMINI

Ndilinenekazi elinama-49 eminyaka. Ndixelelwe ngokuba sele ngoku ndiza kuyeka ukuya exesheni. Ngaba kuza kundichaphazela njani? Ndinokukuthintela?
nguT.T. eRiviersonderwater. Ukuyeka ukuya exesheni kuxa kubomi bowasetyhini kungasekho maqanda ayilekayo namadlala ephela. Ukuya exesheni ngethuba elithile enyangeni kuyaphela nowasetyhini uziva engasenamdla, ecinezelekile okanye ethanda ukutshintsha imo. Oku kunokubuyiswa ngokusebenzisa unyango olubuyisela amadlala enoba kungokuginya iipilisi, okanye ukufumana iiplaster ezingamabande anamayeza nanokufunxwa lulusu okanye ufumane utyando ekuthiwa yi-implant. Ukusebenzisa okubuyisa amadlala kukwanceda ukuthintela ukunkumka kwamathambo okanye
ukuphela kweekhalsiyam emathanjeni Ukuyeka ukuya exesheni kokwemvelo kwaye akunakuthintelwa kodwa ezinye iimeko ezihambisana nako zinokulungiswa ngezi ;idlela zichazwe ngasentla.


UKUVELA KWEENTSUMPA
OKUNGANQAMKI
KUMALUNGU ANGASESE
Ngo-1989 xa ndandine-15 leminyaka ndaba nezilonda ezimpundwini nakubuntombi bam, kwathiwa ziintsupha zamalungu angasese. Ndanyangwa, kodwa mvanje ziphinde zavela. Ndive ngesithambiso esinokuqatywa ukuze ziphele. Ngaba unokundichazela kabanzi ngaso? nguB.MP., eKuruman.
Sikho isithambiso esinokusetyenziswa kuphela xa kukho iintsumpa ezimbalwa ezincinane. Xa zininzi
ngokuqhelekileyo kufuneka zishenxiswe ngokutshiswa ngotyando. Ndikucebisa ukuba uye kugqirha akucebise malunga nale ngxaki unayo.


AMAYEZA OKUHAMB1SA AMQOBA AMANDLA
Ndithe ndakuba neendibano zesondo nesithandwa sam sahlukana sisithi sidiniwe. Ndakusibuza sithe sisele iyeza lokukhulula isisu. Ukususela ngoko asiphindanga sindibone, mhlawumbi kungenxa yokuba singandifuni.
nguL.K.R., eThekwini.

Kusenokwenzeka ukuba isithandwa sakho sasidiniwe emva kokusebenzisa iyeza lokukhulula isisu, ingakumbi xa sasihambisa kakhulu. Oku mhlawumbi kokwexeshana, ngokwale ncwadi yakho akucaci ukuba isithandwa sakho asikuthandi.




ICEBISO
LOBUNONO
Livela kuTheresa Khumalo, onolwazi Ngononophelo Lolusu

Ukwenzela inkcukacha Ezingakumbi, bhalela uTheresa apha; Du Marc, p.o. Box 37619, Overport, 4067.

INOBUNONO
IYAMANGALISA

Theresa Endimthandayo
Ulusu lwam luyanyinyitheka, ndinamaqhakuva, ndithini? NguJ.P., eThekwini
Yitya ukutya okunesondo okuneziqhamo,imifuno esandul'ukuvunwa namanzi, yenza imithambo rhoqo, lala ngokwaneleyo. Kodwa okona kubalulekileyo, lugcine ulusu lwakho lucocekile, sebenzisa iimveliso iGentle Magic Skin care qho kusasa nangokuhlwa. Kwipakethi nganye uza kufumana imiyalelo yendlela yokusebenzisa imveliso nganye.

Theresa Endimthandayo
Ndinolusu oluhle gqitha. Ndingalugcina njani luhlale lunje?
NguP.Z., eGauteng
Ziyeke izinto ezinganik impilo, zikhusele kwiziph umo ezenzakalisayo zocinezeleko lwengqondo. Kodwa kukho iimveliso onokuzisebenzisa umphelo zakwaGentle Magic ezinokukhathalela ulusu lwakho oluthandayo, ezingenakuthanjiswa nje ebusweni kuphela kodwa naphi na.



	ZONWABISENI NGEBONA NANGERAMA

		BONA XHOSA - September 1997 101

102 BONA XHOSA - September 1997

		BONA XHOSA - September 1997 107

